INENEKAZI
LEfashoni
UT[
Lite. ilemon Lite inelamuni engaxutywanga, iyilwe ngokukodwa ukuze ilunonophele ulusu ngendlela ekhethekileyo. Yilamuni yokwenene esetyenziswa kwilemon Lite nekwubongela umahluko, ishenxisa ukunyinyitheka, ikunika ibula, elithambileyo, eligudileyo nelifana konke. llemon Lite ingena nzulu kwiintunja zolusu, ngokwenjenje ilufumisa ulusu, ilushiya luthambile, lunenkangeleko onokuzidla ngayo. Abakwalemon Lite ngoku banenkqubo epheleleyo yokucoca besuzisa ngeFace Wash entsha. Le Face Wash ikwanesithako esihle sokuyila ugwebu olucoca ubuso ikwaphelekwa sisifumisi esinamandla aphindwe kabini nokucocisisa. Ukuqaqamba esihlweleni yilo nto kanye eyenziwa ngamanenekazi asebenzisa ilemon Lite. Ngelemon Lite ulusu lwakho lubukeka lukitsha iimihla agemihla. Xa usebenzisa ilemon Lite njengenxalentye yenkqubo yakho yokunonophela ulusu uyazi ukubo uza kuqatshelwa naphi na apho uya khona.
LIYAQAQAMBA
ESIHLWELENI
Kulula ukuba nolusu olukhanyayo xa usebenzisa ilemon
Ilemon Life inelomuni yokwenene
ubukeka umhle ngelemon Lite.
Izinto ezonga indawo zokugcina izinto ekhaya.
Iibhokisi zakwaAddis ezikhanyayo ziiplastiki ezicacileyo ezipakishekayo, ziziindidi ngeendidi zisombulula iingxaki zakho zokugcina izinto. Zifumaneka ngeesayizi eziziintlobo ngeentlobo, zilungele ukugcina ilinen, amalaphu eempahla asetyenziswa kwizinto
Uneenjongo
Ukuba uyazithanda iinkwenkwezi, zifumanele incwadi yonyaka omtsha ethi Horoscopes 2000 ebhalwe yincutshe efunda ngeenkwenkwezi yaseMzantsi Afrika uFetra du Preez (Zebra, R89,95). Apha awuzukufumana nje kuphela iphepha elinye elikuchubela inkwenkwezi nyanga zonke ngo-20OO kodwa inkwenkwezi yakho neenkcukacha zabo bazalwa ngale kwenkwenkwezi, kuquka nezilwanyana ozicaphukelayo namayeza nezinongo ozithandayo. Yincwadi oza kuyonwabela. siyabulela kwabakwaZebra Press,
IZIPHO ZASIMAHLA
Nazi izipho ezikhetheki!eyo zasimahla zabafundi beBONA
- unganethamsanqa!
ozithando kwiimveliso zokucoca, izinto
zabantwana zokudlala - phofu zonke izinto.
Siyabulela kwabakwaAddis, emnye kubafundi abalishumi beBONA emnye uza
kuzifumana simahla iibhokisi zokugcina izinto, zixabisa i-R300.
Ukuze ungenele, bhala igama lakho nedilosi kwiposkhadi yithumele
kwaBONA/Addis Storage Boxes Giveaway, Suite 33, P/Bag X1 001, Claremont
7735.	Mayifike kuthi ngaphambi komhla wama-25 kuFebruwari 2000.
abafundi abalishumi beBONA bayakonwatyiswa simahla kuba siphisa ngeekopi ezili-1O!
Xa ufuna ukungenela, bhala igama nedilesi yakho kwiposkhadi
uthumele kwaBONAlHoroscope 2000 Give-away, Box 32067, Mobeni
4060 Makufike kuthi ngaphambi komhla wama-25 kuFebruwari 2000.
E
 NAMA-26 eminyaka uThabo yinkulu kumatyendyana amathathu akwaMaleka. Yena noPunch (onama-20 eminyaka) bakhule bedlala iqakamba, umbhoxo nebhola ekhatywayo noogxa babo.
Ndandisithi siza kuba ngabadlali bodumo abafana noJomo Sono noAce Ntsoloengwe. Mna noPunch senzakala saza sabona ukuba kungcono sidlale intenetya.
La makhwenkwana aqalise ukubukela intenetya yabadlali bodumo iqhubeka kwiitumente ezinjengeus Open neWimbledon.
UThabo ene-17 ieminyaka intsapho 102 BONA XHOSA - February 2000
yakowabo yasuka eMmabatho yafudukela ePitoli. Kukho iindawo zokudlala ezingcono indlela ayidlala ngayo intenetya yaya incumisa kwaza kunyaka olandelayo wamela uMzantsi Afrika eYurophu nakwamanye amazwe aseAfrika.
Uthe enama-20 eminyaka uThabo wabona indlela ekubaluleke ngayo ngabantwana ukuba babe nomqeqeshi ohlawulwayo besebancinane ukuba baza kufikelela kumngangatho wabadlali bentenetya abagqwesa ehlabathini. Kwalile ngo-1993 waqalisa ukufundisa ulutsha kwiilokishi zaseMamelodi,
eAtteridgeville, eMabopane naseOdi. Ekupheleni kwaloo nyaka uThabo
waya eUnited States apho wafumana isatifikethi sokuba ngumqeqeshi. Waziswa kuTim Henman nabanye abadlali bentenetya ababalaseleyo waza wabuyela eMzantsi Afrika enefuthe elimandla.
Kweli uThabo ufumene izatifikethi zokuqeqesha ezithathu kwiSA Provincial Tennis Association.
Ndandisazi ukuba mafutshane amathuba okuqhubeka ndidlala kuba andizange ndibe nomqeqeshi ofanelekayo xa ndandisakhulu. Ndagqiba ngokurhoxisa oku ukuze
Bayatywatyusha
kwi ntenetya
Okwakaloku abafundi beBONA basathinjwe ziingcinga ngokuphunyezwa yiBafana Bafana kwiAfrican Cup of Nations - kodwa isithathu sakwaMaleka ePitoli sinikela ingqalelo komnye umdlalo owahlukileyo okwelinye ilizwekazi lntenetya ngumdlalo wabo ukanti abajolise kuko kwinkulungwane entsha yiAustralian Open neGrand Slam
ndiqiniseka ukuba umqeqeshi ofanelekayo uyafumaneka nokuze aqeqeshe ulutsha oluthanda intenetya ezilokishini kuquka nabaninawa bam.
UThabo ube ngumqeqeshi kwanomphathi kaPunch nomninawa wabo uKabelo. Ngo-1994 eqeqeshwa kakuhle eFlorida eUSA uThabo ukwaze ukudibana nabona badlali bahlonitshwayo ehlabathini uMary Pierce, uAnna Kournikova, uMarcelo Rios kunye nomdlali okwindawo yesibini ehlabathini uPatrick Hafter.
Umnqweno kaThabo kukuba ezilokishint kubekho iindawo ezibukekayo zokudlaia intenetya. Uthi kufuneka kubekho iinkqubo
zokuvumbulula abaneziphiwo ezilokishini nakwimimandla yasezilalini. Ukwaceba ukuqeqesha abaqeqeshi bentenetya abantsundu ukuze abantwana basezilokishini babe nethuba elihle Iokudlala de babe ngabadlali abahlalwulwayo.
UPunch
nje
Unama-20 eminyaka sibhala kwaye ukwindawo ye-740 njengomdlali obalaseleyo ehlabathi kwiATP engunamba 15 kwiSA Tennis Association. Noko akukhwinisi kumdlali esiswini kwibhola okhatywayo kuba
2000 :L03...
